Sonke saya kwitheko lorhwebo eDasara.
Utata wathengela uChintu iindondo ezinomtsalane. Umama wandithengela ikepusi eqaqambileyo eluhlaza. Ubhabha wafumana iilekese.
Endleleni egodukayo, umoya omkhulu weza. Wavuthuza, ikepusi yam yaphaphatheka.
Ikepusi yam yaxhaseka esebeni lomthi omdala wephayphali.
Ndalila kakhulu. Kwaye andasitya isidlo sam sangokuhlwa.