Xa sihamba kunye kwaye indlela inde, sizakuhamba kunye sicula ingoma.
Ndinawe, nawe unam. Uhambo lumnandi nosapho lwethu.
Ndizakukugcina umfumamfuma okwemazi yesikhukukazi. Igcina amantshontsho ayo efudumele ngaphantsi kwephiko layo.
Xa imvula iqalisa ukuna ukusuka esibhakabhakeni, njengalamnqwazi umhle ndizakugcina ubuso bakho bomile.
Xa isaqhwithi samafu sibanomsindo kwaye simbimbozela kwaye sigcuma, qina, ukhalela ntoni? Awukho wedwa.