Imini kaHamisi yamathamsanqa
Adelheid Marie Bwire
Rob Owen

UHamisi udinga iyunifomu entsha yesikolo. Utata wakhe umsa ezivenkileni.

1

UHamisi ubona inkwenkwe enxibe ihempe entle. "Yaze yantle ke la hempe," wacinga njalo uHamisi.

2

"Nam ndirhalela ukuba nehempe efana naleya yala nkwenkwe," watsho uHamisi.

3

"Jonga, uthengisa ezi hempe zikhethekileyo," watsho uHamisi. "Tata, ndicela undithengele yona."

4

"Hamisi, kufuneka ndikuthengele iyunifomu," watsho utata wakhe.

5

"Andinayo imali eyanele yokuthenga loo hempe," watsho utata.

6

Utata kaHamisi uhlawulela iyunifomu. Uyothuka xa ebona kubuya itshintshi. Kusele imali eyanele ukuba athenge nehempe!

7

Le yimini kaHamisi yethamsanqa! Inokuba uza kukhetha eyiphi ihempe?

8
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Imini kaHamisi yamathamsanqa
Author - Adelheid Marie Bwire
Translation - Xolisa Guzula
Illustration - Rob Owen
Language - isiXhosa
Level - First sentences