Kudala-dala, umvundla nenkawu babengabahlobo. Ngenye imini, ngexesha lendlala, umvundla wamema umhlobo wakhe ukuba bazodlala.
Umvundla wathi, "Masidlale ukuphekaphekana!" Inkawu yabuza, "Sizakuyenza njani lonto?"
Ke ngoku umvundla waphendula, "Kufuneka sibase umlilo."
Sigcwalise imbiza ngamanzi, ke ngoku siyibeke emlilweni.
Mna ndiyakungena kuqala. Xa ndibetha isiciko sembiza, uvule. Ngoku ndizokuphuma.
Inkawu yavuma ukuyenza lonto. Ngoko umvundla wangena kuqala embizeni, amanzi eqala ukubila.
Umvundla wankqonkqoza, inkawu yasivula isiciko.
Kodwa kuthe xa ilithuba lenkawu, umvundla wathatha ilityekazi elikhulu, walibeka phezu kwesiciko sembiza, esakugqiba, wahlala phezu kwaso.
Kuthe xa amanzi eqala ukubila, inkawu yankqonkqoza, kodwa umvundla akakhange asivule isiciko.
Ngoku inkawu yafa, ke ngoku umvundla watya umhlobo wakhe!