Ngenye intseni, ingonyama yabambeka emgibeni womzingeli.
Yaxhuzula izama ukuzikhulula. Kodwa yabopheleleka ngamandla.
Yabila lilanga. Yagodola yingqele. Yayilambile, ityhafile kwaye inxaniwe.
Ingonyama yeva ingxolo. Yabona ingulube yasendle ihamba nosapho lwayo.
"Ngulube ndincede undikhulule!" yakhala ingonyama. "Soze!" Yatsho ingulube.
Ekugqibeleni, ingulube yayisizela ingonyama, yayikhulula.
"Enkosi mhlobo wam omtsha," yabulela ingonyama.
Ingonyama yabona abantwana bengulube. Yacinga icebo.
"Khawundiphe umntwana omnye ndimtye ndizokomelela," yatsho ingonyama.
"Ukuba awundiniki umntwana, ndiyakuzithathela," yabharhumla ingonyama.
Ingulube yacinga icebo lokusindisa abantwana bayo. "Kulungile," yatsho.
"Ndiyakukunika umntwana. Ndibonise indlela obubambeke ngayo emgibeni."
Ingonyama yavumela phezulu. Yafaka unyawo emgibeni.
Ingulube yawuvala ngephanyazo umgibe, yayibambisela ingonyama.
"He ke! Ndikufumene sikhohlakali ndini! Hlala emgibeni," yatsho ingulube.
"Balekani! Niphakamise imisila yenu," yayalela abantwana ingulube.
"Ngulube ndincede!" yacenga ingonyama. "Soze ndiphinde!" yatsho ingulube.
Basinda kanjalo abantwana bengulube.