UDyakalashe wayelambe kakhulu. Wabona intaka iphethe isonka samanzi.
"Ndiyasifuna esasonka," watsho evuza izinkcwe uDyakalashe.
Intakazana yaphumla emthini. UDyakalashe naye wahlala phantsi kwaloo mthi.
"Molo ntakazana enhle, eneentsiba zikhazimlayo!" wabulisa uDyakalashe.
Intakazana yaba negugu kakhulu ukuva uDyakalashe eyincoma.
"Ngelolizwi lakho limnandi, khawundiculele ingoma yakho emyoli."
Ngelikhulu ibhongo, intakazana yatsho ngeyona ngoma yakhe yamnandi.
Khilikiqi! Sawa isonka! Wasichola uDyakalashe wabaleka naso.