UTingi wayehlala nomakhulu wakhe.
Wayesoloko enakekela iinkomo kunye naye.
Ngenye imini amajoni afika.
Athatha zonke iinkomo.
UTingi kunye nomakhulu babaleka bazimela.
Bazimela ehlathini kwade kwasebusuku.
Ke ngoku aphinda abuya amajoni.
Umakhulu wafihla uTingi phantsi kwamahlahla.
Elinye lamajoni labeka inyawo lalo phezu kwakhe, kodwa waye wathula.
Xa bebona ukuba bakhuselekile, uTingi kunye nomakhulu baphuma.
Ke ngoku bachwechwa babuyela ekhaya bethule.