UNkukhu noSongololo
Winny Asara
Magriet Brink

UNkukhu noSongololo babengabahlobo. Kodwa babesoloko bekhuphisana ngento yonke. Ngenye imini bagqiba ekubeni badlale ibhola ekhatywayo babone ukuba ngubani oyena ubalaselayo ekuyidlaleni.

1

Baya ebaleni lebhola ekhatywayo baze baqalisa ukudlala. UNkukhu wayesenza iintshukumo ezikhawulezayo, kodwa uSongololo yena wayekhawuleza nangakumbi. UNkukhu wayeyikhaba iye kude ibhola, kodwa uSongololo wayeyikhaba iye kude kakhulu. UNkukhu waqala ke ngoku ukungonwabi.

2

Bagqiba ekubeni bakhabe amapenalthi. Kwaqala uSongololo ukuba agade iipali. UNkukhu wafaka inqaku elinye kuphela. Emva koko yaba lithuba likaNkunku ukunqanda ibhola ingangeni ezipalini.

3

USongololo wakhaba ibhola wakora. USongololo wajikajika nebhola waze wakora elinye inqaku. USongololo wayingquba ngentloko ibhola wakora nelinye inqaku. USongololo wakora kahlanu.

4

UNkukhu yamenza waba nomsindo into yokodlulwa nguSongololo. Wayengakuthandi ukogqithwa. USongololo wavele wamhleka nje ngoba umhlobo wakhe wayengonwabanga kwaphela.

5

UNkukhu wayenomsindo kakhulu waze wavula umlomo wakhe wamkhulu waze waliginya isongololo.

6

Kuthe xa uNkukhu egoduka, wadibana noMam' uSongololo. UMam' uSongololo wabuza, "Ukhe wambona umntwana wam torhwana?" UNkukhu akazange aphendule. UMam' uSongololo wakhathazeka.

7

UMam' uSongololo weva izwi elincinci. "Ndincede Mama!" UMama uSongololo walaqalaqaza wamamelisisa. Ilizwi lalivela ngaphakathi esuswini senkukhu.

8

UMam' uSongololo wakhwaza, "Sebenzisa amandla akho akhethekileyo mntwan'am!" Amasongololo ayakwazi ukukhupha ivumba elibi enze nokuba izinto zinambitheke kakubi. Kwangoko, uNkukhu waqalisa ukungaziva mnandi.

9

UNkukhu wakhonyuluka. Wabuye waginya waphinda wathufa. Wathimla, wakhohlela kaninzi. Isongololo lalimphathisa isicaphu-caphu!

10

UNkukhu wakhohlela wade waligabha isongolololo ebelisesuswini sakhe. UMama uSongololo nomntwana wakhe barhubuluza banyuka emthini ngeliya kuzimela.

11

Ukusukela ngaloo mini, iinkukhu namasongololo baba ziintshaba.

12
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UNkukhu noSongololo
Author - Winny Asara
Translation - Xolisa Guzula
Illustration - Magriet Brink
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs